Ndixolele
Sithandwa uzandixolela na?
Kwezomposo endazenzayo mna?
Nxa ndibuyela kuwe na?
Nxa ndibuyela kuwe na?
Ndakushiya sithandwa sam
Ndemka kunye nento zomhlaba
Kodwa namhla ndiyakucinga
Ukuhamba ndihamba ndahluleka
Ndandizula mna neentokazi
Ezazinemali eninzi
Zizulazula zisel'utywala
Kodwa andakulibala wena
Ndixolele mna sithandwa sam
Noko ndikonile sithandwa sam
Kawundiva ndikuncenga mna?
Ewe ndamkele sithandwa sam
Ndandizula mna neentokazi
Ezazinemali eninzi
Zizulazula zisel'utywala
Kodwa andakulibala wena
Ndixolele mna sithandwa sam
Noko ndikonile sithandwa sam
Kawundiva ndikuncenga mna?
Ewe ndamkele sithandwa
Sithandw'ungowam